Judges 15:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye utixo wacandela isigingqi esise‐Lehi, aza apuma kuso amanzi; wati akuba eselile, umoya wake wabuya, wada wapila. Ngako oko wabiza igama lawo ngokuti: Ngumtombo wowabizayo, ose‐Lehi nanamhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawucanda uThixo umgongxo oseLehi; kwaphuma amanzi kuwo.Wasela, wabuya umoya wakhe, waphila ke. Ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo nguMthombo woMnquli, oseLehi unanamhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uThixo wacanda umngxuma emhlathini, kwaphuma amanzi kuwo; wasela, wabuya umoya wakhe, waphila; ke ngoko, silibiza elo gama ngokuba yiEnehakore, enguLihayi kude kube namhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uThixo wavula umngxuma emhlabeni khona apho eLerhi, kwaza ke kwaphuma amanzi. Wasela ke uSamson, abuya amandla akhe, waziva ehlaziyekile. Loo ndawo ke kwathiwa yiEn-hakore. Nangoku ke isekho apho eLerhi.