Judges 15:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyise wati: Bendisiba ngenyaniso umtiyile kanye; ngako ndamnika kumlingane wako: udade wake omncinane akamdluli na ngokuba mhle? mtabate keesikundleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uyise womfazi, Bendiba umthiyile ngenene, ndamnika umlingane wakho. Akamhle na umsakwabo kunaye? Makabe ngowakho esikhundleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uyise, Inene, ndathi, umthiyile ngokupheleleyo; ke ngoko, ndimnikile kumlingane wakho; Usisi wakhe akamhle kunaye? mthabathe endaweni yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
esithi: “Bendiba akusamfuni mpela, ndaza ke ndamnikela kumhlobo wakho ukuba abe ngumkakhe. Phofu udade wabo omncinci yinzwakazi kunaye; ngoko ke kunganjani useluthatha yena?”