Judges 15:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka u‐Samsone waya wabamba amakulu matatu empungutye, watabata izikuni, waguqula umsila ngakuwo umsila, wabeka isikuni sinye pakati kwemisila mibini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya uSamson wabamba amakhulu omathathu eempungutye, wathabatha izikhuni ezivuthayo, waziqhagamshela ngemisila, wafaka isikhuni sasinye phakathi kwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waya uSamson wabamba amakhulu amathathu oodyakalashe, wawathabatha oodyakalashe, wayijika imisila yabo ngasemva, wafaka umlilo phakathi kwemisila leyo yomibini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku wahamba wabamba amakhulu amathathu eempungutye. Wazidibanisa ngemisila ngambini ngambini, ebophelela ukhuni olunevithi apho ekudibaneni kwemisila.