Judges 15:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula ama‐Filistiya ati: Ngubanina owenze oku? Kwatwa: Ngu‐Samsone, umyeni wom‐Timnate, ngokuba ebetabata umfazi wake, wamnika kumlingane wake. Enyuka ke ama‐Filistiya, atshisa yena noyise ngomlilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi amaFilisti, Ngubani na lo wenze oku? Bathi, NguSamson, umyeni womTimnata; ngokuba emthabathile umkakhe, wamnika umlingane wakhe. Enyuka amaFilisti, amtshisa yena noyise ngomlilo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi amaFilisti, Ngubani na lo wenze loo nto? Baphendula bathi, NguSamson, umyeni kaTimna; ngokuba wamthabatha umkakhe, wamnika umlingane wakhe. Enyuka amaFilisti, amtshisa yena noyise ngomlilo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athe amaFilistiya akubuzisa esithi: “Ngubani owenze le nto?” afumanisa kusithiwa: “NguSamson; ucatshukiswe ngumkhwe wakhe, umfo waseTimna, ngokusuka anikezele umkakhe kumhlobo wakhe.” Ngoko ke amaFilistiya asuka amtshisa loo mfo nentombi leyo.