Judges 16:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Delila watabata intambo ezintsha, wamnxiba ngazo, wati kuye: ama‐Filistiya apezu kwako, Samsone! Bati abalaleli bahlala enkambilini yapakati. Waza waziqaula ezingalweni zake njengomsonto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDelila wathabatha iintsontelo ezintsha, wamkhonkxa ngazo, wathi kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Ke abalaleli babehleli egumbini. Wazijaca emikhonweni yakhe njengomsonto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDelila wathabatha iintsontelo ezintsha, wamkhonkxa ngazo, wathi kuye, uSamson, arhawulwe ngamaFilisti; Kwaye kwakukho amaxoki ahlala kwelo gumbi. Yaye wawakrazula ezandleni zakhe njengentsontelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uDelila wathatha iintsontelo ezintsha, wambopha ngazo uSamson, waza wakhwaza wathi: “Nanga amaFilistiya, Samson!” AmaFilistiya ke ayelalele endlwini apho. Kodwa yena uSamson waziqhawula ezo ntsontelo ezazisezingalweni zakhe zanga yimisonto.