Judges 16:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Delila kanjalo ku‐Samsone: Bona ke, kwada kwakaloku undikohlisile, wateta kum ilwimi: ndixelele, unganxitywa nganto nina? Waza wati kuye: Ukuba uyaluka izihlwita zosixe̔nxe zentloko yam ngemisonto yokuluka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDelila kuSamson, Udlale ngam unangoku, undixokisa;ndixelele, ungakhonkxwa ngantoni na? Wathi kuye, Ukuba uthe waluka izihlwitha ezisixhenxe zentloko yam ngemisonto yokuluka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDelila kuSamson, Udlale ngam unangoku, undixokisa; ndixelele ukuba ungabotshwa yintoni. Wathi kuye, Ukuba uthe waluka imisonto esixhenxe yeenwele zentloko yam engutyeni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDelila wathi kuSamson: “Nangoku uyawaphoxa ngam, wandixokisa. Khawundixelele ukuba ungabotshwa ngantoni na.” Waphendula ke uSamson wathi: “Ukuba unokwenza amafrerha asixhenxe entloko kum, uze uwaluke kunye nemisonto, uwaqinise ngoluthi lokuluka, ndingetha amandla, ndifane nabanye abantu.”