Judges 16:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati kanjalo kuye: Ungati nina ukuti: Ndiyakutanda; nxa intliziyo yako ingenam? undikohlisile lamaxesha matatu, ungekandixelelanga ukuba amandla ako amakulu akwinto nina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuye, Ungathini na ukuthi uyandithanda, ukanti intliziyo yakho ayinam? Undikhohlisile ezi zihlandlo zozithathu, akwandixelela ukuba asenini na la mandla akho angaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuye, Ungathini na ukuthi ndiyakuthanda, ukanti intliziyo yakho ayinam? Undithwale kwada kwakathathu, akwandixelela ukuba aphi na amandla akho angaka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDelila ke wathi kuSamson: “Ungathini ukuthi uyandithanda kodwa akundithembi! Kokwesithathu ngoku uphoxisa ngam, ibe ke nangoku akukandixeleli ukuba uwathatha phi la mandla angaka.”