Judges 16:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandula wamxelela yonke intliziyo yake, wati kuye: Bekunganyukanga isitshetshe sokugugula pezu kwentloko yam; ngokuba ndingumnaziri katixo kwa sesizalweni sikama̔: ukuba ndiyagugulwa, seleya kumka kum amandla am, ndandiya kuba butataka, ndibe njengabantu bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamxelela intliziyo yakhe yonke, wathi kuye, Isitshetshe sokucheba asizanga sisondele entlokweni yam; ngokuba ndingumahlulwa kaThixo kwasesizalweni sikama. Ukuba ndithe ndachetywa, osuka kum amandla am, ndithi fehle, ndibe njengabantu bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamxelela konke okube kusentliziyweni yakhe; wathi kuye, Andiyichebanga intloko yakho; ngokuba ndingumNazarete kaThixo kwasesizalweni sikama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wamchazela konke, wathi: “Iinwele zam zange zichetywe. Ndanikelwa *ndalilolo likaThixo kwasekuzalweni kwam. Xa zinokuchetywa iinwele zam, angaphela amandla am, ndibe buthathaka nam, ndifane nabanye abantu.”