Judges 16:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Delila akubona ukuba umxelele yonke intliziyo yake, wandula watuma wabiza inkosi zama‐Filistiya, esiti: Nyukani kaloku nje, ngokuba endixelele yonke intliziyo yake. Zandula zenyukela kuye inkosi zama‐Filistiya, zazisa isilivere leyo ezandleni zazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabona uDelila ukuba umxelele yonke intliziyo yakhe, wathumela wabiza izikhulu zamaFilisti, esithi, Nyukani esi sihlandlo, ngokuba undixelele yonke intliziyo yakhe. Zenyuka ke zaya kuye izikhulu zamaFilisti, zenyuka zinemali esandleni sazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabona uDelila ukuba umxelele yonke intliziyo yakhe, wathumela, wabiza abathetheli bamaFilisti, wathi, Nyukani kaloku, ngokuba undibonisile yonke intliziyo yakhe. Zeza kuye abathetheli bamaFilisti, bephethe imali ngesandla sazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDelila akuqonda ukuba uxelelwe yonke inyaniso nguSamson, wathumela kwizikhulu zamaFilistiya, wathi: “Yizani kwakhona; undixelele konke.” Ke zeza zimphathele imali leyo.