Judges 16:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wamlalisa ubutongo pezu kwamadolo ake, wabiza indoda ize igugule izihlwita zosixe̔nxe zentloko yake, waqala ukumbandezela, ada emka amandla ake kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamlalisa emathangeni akhe, wabiza umntu, wazicheba izihlwitha zosixhenxe zentloko yakhe, waqala ke ukumqoba; emka ke amandla akhe kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamlalisa emathangeni akhe; wayibiza indoda, wayicheba iinwele ezisixhenxe zentloko yakhe; waqala wamxina, ephela amandla akhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDelila walalisa uSamson emathangeni akhe, waza ke wabiza umntu, wacheba amafrerha osixhenxe akhe. Ngokwenjenje ke uDelila wamenza waphelelwa ngamandla uSamson.