Judges 16:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaxelelwa ama‐Gaza, kusitwa: u‐Samsone ufikile apa. Aza amṙaula, amlalela bonke ubusuku ngasesangweni lesixeko; kodwa ati cwaka bonke ubusuku, esiti: Ekukanyeni kwokusa siya kumbulala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathiwa kwabaseGaza, USamson ungene apha. Bamrhawula, bamlalela ubusuku bonke esangweni lomzi; bathi cwaka ubusuku bonke, besithi, Kwakusa ngomso sombulala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babikelwa abamenyiweyo, kwathiwa, uSimon uze apha. Bamngqonga, bamlinda ubusuku bonke esangweni lesixeko, bathi cwaka ubusuku bonke, besithi: “Ngomso, kwakuba semini, siya kumbulala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu baseGaza baxelelwa kwathiwa: “USamson ulapha.” Baza bawurhawula loo mzi ubusuku bonke, bamlalela nasemasangweni esixeko. Bahlala ubusuku bonke, besithi: “Kwakusa ngomso sombulala.”