Judges 16:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: ama‐Filistiya apezu kwako, Samsone! Waselevuka ebutongweni bake, wati: Ndiya kupuma ngoku njengamanye amaxesha, ndizivutulule; ngokuba ebengazi ukuba uyehova emkile kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wavuka ebuthongweni, wathi, Ndiya kuphuma esi sihlandlo njengezinye izihlandlo, ndizivuthulule. Wayengazi yena, ukuba uYehova umkile kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Samson, amaFilisti aphezu kwakho; Wavuka ebuthongweni wathi, Ndiya kuphuma ndingcangcazela njengakuqala. Wayengazi ke ukuba uYehova umshiyile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi: “Nanga amaFilistiya, Samson!” Ke yena wavuka ebuthongweni esithi: “Ndiya kubuya ndiwavuthulule ndiphuncuke.” Kambe ke wayengaqondi ukuba ushiyiwe *nguNdikhoyo.