Judges 16:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati bakumbona abantu, badumisa utixo wabo; ngokuba bebesiti: Utixo wetu unikele esandleni setu utshaba lwetu nomcitakalisi welizwe letu, owandisa ababuleweyo betu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bambona abantu, badumisa uthixo wabo; ngokuba bebesithi, Uthixo wethu ulunikele esandleni sethu utshaba lwethu, umtshabalalisi welizwe lethu, obenze babaninzi ababuleweyo kuthi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bambona abantu, badumisa uthixo wabo, bathi, uThixo wethu ulunikele esandleni sethu utshaba lwethu, umtshabalalisi welizwe lethu, obenze babaninzi ababuleweyo kuthi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi xa kumnandi apho kwelo theko, zathi: “Yizani noSamson, eze kusonwabisa!” Bathi ke bakumkhupha uSamson entolongweni, bahlekisa ngaye, bammisa phakathi kweentsika. Abantu ke bakumbona uSamson badumisa uthixo wabo, bathi: “Uthixo wethu ulunikele esandleni sethu utshaba lwethu oluzise intshabalalo kwilizwe lethu, lwabulala abantu bethu abaninzi kangaka!”