Judges 16:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Samsone kumfana obembamba ngesandla: Ndiyeke ukuba ndipate intsika ekupezu kwazo indlu imisiwe, ukuze ndayame ngazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSamson kumfana ombambe ngesandla, Ndiyeke, ndizive iintsika emi ngazo indlu, ndayame ngazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSamson kumfana ombambe ngesandla, Ndiyeke ndichukumise iintsika emi ngazo indlu, ndayame ngazo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USamson wathetha nomfana owayemrhola, wathi: “Khawume khe ndizive iintsika zesi sakhiwo. Ndifuna ukwayama ngazo.”