Judges 16:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wabiza u‐Samsone kuyehova, wati: Nkosi, Yehova! zundikumbule, undomeleze ke kube kaloku nje kupela, Tixo! ukuba ndipindezele ngempindezelo inye amehlo am omabini kuwo ama‐Filistiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USamson wanqula uYehova wathi, Nkosi yam, Yehova, khawundikhumbule, khawundomeleze okwesi sihlandlo sodwa, Thixo;ndiphindezele kumaFilisti impindezelo nokuba inye ngenxa yamehlo am omabini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakhala uSamson kuYehova, wathi, Yehova, Yehova, ndikhumbule, ndivuse kube kanye, Yehova, ndiphindezele impindezelo kumaFilisti ngenxa yamehlo am omabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uSamson wazibika kuNdikhoyo, wathi: “Ndikhoyo, Nkosi yam, ndikhumbule; nceda, Thixo wam, khawubuyise amandla am okwesi sihlandlo nje sodwa, ukuze ndiziphindezele kumaFilistiya ngenxa yesenzo sawo sokundikhupha amehlo.”