Judges 16:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Samsone walala kwada kwaba pakati kwobusuku; waza wesuka pakati kwobusuku, wabamba ingcango zesango lesixeko, nemigubasi yomibini, wazincotula kunye nomvalo, wazibeka pezu kwamagxalaba ake, wazinyusela engcotsheni yentaba engapambi kwe‐Hebrone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Walala uSamson kwada kwaba phakathi kobusuku. Wavuka phakathi kobusuku, wabambelela ezingcangweni zesango lomzi, nasemigubasini yomibini, wayincothula inomvalo; wayibeka emagxeni akhe, wayithwalela encotsheni yentaba phambi kweHebron.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Walala uSamson kwada kwaphakathi kobusuku, wavuka phakathi kobusuku, wazithabatha iingcango zesango lomzi, nemigubasi yomibini yeengcango, wahamba nazo, nemivalo neento zonke, wazibeka phezu kwempahla yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke yena uSamson wavuka phakathi kobusuku, waya esangweni lesixeko, wafika wayibamba imigubasi kunye neengcango nomvalo, wasiphula konke. Wayixwaya emagxeni, waya nayo kwinduli ekhangelene neHebron.