Judges 16:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Samsone: Umpefumlo wam maufe kunye nama‐Filistiya! Waza wazigoba ngamandla: yati indlu yawa pezu kwazo inkosi, napezu kwabo bonke abantu abebekuyo. Kwa njalo abafileyo owabafisayo ekufeni kwake, bebebaninzi pezu kwabo abebafisile ekudleni kwake ubomi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSamson, Mandife namaFilisti. Wathoba ngamandla;yawa indlu phezu kwezikhulu, naphezu kwabantu bonke ababekuyo.Bathi abafi, awababulala ekufeni kwakhe, baba baninzi kunabafi awababulala esaphilile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSamson, Mandife namaFilisti. Wathoba ngobugorha bakhe bonke; yawa indlu phezu kwezikhulu naphezu kwabantu bonke ababekuyo. Ngoko ke abafileyo awababulala ekufeni kwakhe baba baninzi kunabo wababulala esadla ubomi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza wadanduluka wathi: “Mandife kunye namaFilistiya!” Wazisunduza ngamandla akhe onke – folokohlo didli! Sadilika isakhiwo; zafela apho ezo zikhulu ndawonye nabo bonke ababekhona. Ekufeni kwakhe uSamson wabulala abantu abaninzi ngaphezu kwabo wababulala esadl' ubomi.