Judges 16:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula behla abazalwana bake, nayo yonke indlu yoyise, bamsusa, benyuka naye, bamncw̔aba pakati kwe‐Tsoreha ne‐Shetawoli, encw̔abeni lika‐Manoha uyise. Wayegweba o‐Sirayeli iminyaka yamashumi mabini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Behla abazalwana bakhe nendlu kayise yonke, bamthabatha, bamnyusa, bamngcwabela phakathi kweTsora ne-Eshtawoli, engcwabeni likaManowa uyise. Wawalawula yena amaSirayeli iminyaka emashumi mabini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Behla abazalwana bakhe nendlu kayise yonke, bamthabatha, bamnyusa, bamngcwabela phakathi kweSoreya ne-Eshtawoli, engcwabeni likaManowa uyise. Walawula kwaSirayeli iminyaka emashumi mabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku abantakwabo nawo onke amawabo baya kuwuthatha umzimba wakhe, bagoduka nawo. Bamfihla kwingcwaba likayise uManowa phakathi kweZora ne-Eshtawoli. Waba yinkokheli yamaSirayeli iminyaka engamashumi amabini.