Judges 16:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaza inkosi zama‐Filistiya zenyuka zaya kuyo, zati kuyo: Mzinge, ubone ukuba akwinto nina amandla ake amakulu, nokuba kunganto nina esingameyisayo, ukuze simnxibe, simbandezele; sasiya kukunika sonke ngabanye amaqosha esilivere aliwaka linekulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zenyuka zaya kuyo izikhulu zamaFilisti, zathi kuyo, Mrhwebeshe, ubone ukuba asenini na la mandla akhe angaka, nokuba singameyisa ngantoni na, simkhonkxe ukuze simthobe;sokunika thina elowo iwaka elinekhulu lesilivere.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zandula ke iinkosana zamaFilisti zeza kuye zaza zathi kuye: “Mvavanye uze ubone apho akhoyo amandla akhe angaka, nendlela esinokumoyisa ngayo, ukuze simkhonkxe ukuze simcinezele; sokunika elowo iishekele zesilivere ezilishumi elinanye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke izikhulu zamaFilistiya zaya kuyo, zathi: “Msondeze uSamson de akuxelele imfihlelo yala mandla akhe angaka, ucebise ukuba singenza kanjani na ukuze simbambe, simbophe, simoyise. Umntu ngamnye kuthi uya kukunika iisiliva ezilishumi elinanye lamakhulu.”