Judges 16:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Delila wati ku‐Samsone: Ndixelele ke, akwinto nina amandla ako amakulu? kanjalo unganxitywa nganto nina, ukuba ubandezelwe?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDelila kuSamson, Khawundixelele ukuba asenini na la mandla akho angaka, nokuba ungakhonkxwa ngantoni na, ukuze uqotywe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDelila kuSamson, Ndixelele ukuba avela phi na la mandla akho angaka, nokuba ungakhonkxwa ngantoni na, ukuba akuqobe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uDelila wacengana noSamson, wathi: “Ndihlebele; uwathatha phi la mandla angaka? Ungabotshwa ngantoni ukuze woyisakale?”