Judges 16:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku abalaleli bamhlalela enkambilini yapakati. Waza wati kuye: ama‐Filistiya apezu kwako, Samsone! Wada waqaula intsontelo ezo, njengokuba kuqaulwa umsonto wefelase, wakuva umlilo. Kwaye kungaziwa amandla ake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke abalaleli babehleli naye egumbini. Wathi umkakhe kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wazijaca iintambo, kwanga kukujaceka kwentsontelo yeflakisi yakuva umlilo; akaziwa ke amandla akhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwabakho amadoda abemlalele, aza ahlala naye egumbini. Wathi kuye, Samson, amaFilisti aphezu kwakho! Wazicheba ke iinwele zakhe, njengokunqunyulwa kwentsontelo yakuva umlilo; Ngoko amandla akhe ayengaziwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uDelila wayefihle amadoda endlwini apho, waza ke wakhwaza wathi: “Nanga amaFilistiya, Samson!” Ke yena uSamson ezo ntsontelo wazithi gqashu-gqashu okomtya ulenywa ngumlilo. Ngoko ke imfihlelo yamandla akhe yasala ingaziwa mntu.