Judges 17:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yayisiti kunina: Ishekele zesilivere eziliwaka linekulu, ezibe zitatyatwa kuwe, obuqalekisa ngazo, nobuteta ngazo nasezindlebeni zam, nantsi ke isilivere leyo inam; mna ndiyitabatile. Waza unina wati: Mautanyusanqelwe nguyehova, nyana wam!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi kunina, Iwaka lesilivere elinakhulu-nye elalithatyathwe kuwe, owashwabula ngenxa yalo, kananjalo wathetha ngalo ezindlebeni zam, yabona, isilivere leyo inam;yathatyathwa ndim. Wathi unina, Usikelelwe, nyana wam, nguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke wathi kunina: “Eliwaka elinekhulu leeshekele zesilivere ezathatyathwa kuwe, owaqalekisa ngazo waza wathetha ndisakuva, yabona, isilivere leyo ikum; Ndayithatha. Unina wathi: Ngamana uYehova akusikelele, nyana wam!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yathetha nonina, yathi: “Ngokuya wawubelwe ishumi elinanye leesiliva ndakuva ushwabula. Kambe ke ikum loo mali; yathathwa ndim.” Unina wamsikelela, wathi: “*UNdikhoyo makakuthamsanqele, nyana wam.”