Judges 17:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula yabuyisela kunina ezo zishekele zesilivere ziliwaka linekulu. Koko wati unina: Bendigqibele ukuyingcwalisa isilivere leyo kuyehova ivela esandleni sam, ibe yeyonyana wam, ukuba kwenzwe umfanekiso oqingqiweyo nomfanekiso otyityishiweyo; ngako kaloku ndoyibuyisela kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Walibuyisela kunina iwaka lesilivere elinakhulu-nye. Wathi unina, Ndiyingcwalisile yonke isilivere leyo kuYehova; iphuma esandleni sam ukuba ibe yeyonyana wam, enze umfanekiso oqingqiweyo nomtyhido; ndiyibuyisela kuwe ke ngoko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa wayibuyisela kunina isilivere ebunzima buliwaka elinekhulu leeshekele, wathi unina: “Isilivere leyo ndiyinyulele kuYehova ngokupheleleyo, ephuma esandleni sam ibe yeyonyana wam, ukuba enze umfanekiso oqingqiweyo nomfanekiso oqingqiweyo; oku kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza ke unyana lowo wayibuyisela kunina loo mali. Ke yena unina wathi: “Le mali ngoku yekaNdikhoyo; ndiyinikezela kuye ukuze unyana wam aqingqe umfanekiso, utyatyekwe ngesiliva, kwanomfanekiso otyhidiweyo. Ngoko ke le siliva ndiyibuyisela kwakuwe.”