Judges 17:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa yabuyisela isilivere leyo kunina. Waza unina watabata ishekele zesilivere ezimakulu mabini, wazinika kwincibi, eyenza ngazo umfanekiso oqingqiweyo nomfanekiso otyityishiweyo; owabuko endlwini ka‐Mika.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayibuyisela ke kunina isilivere. Wawathabatha unina amakhulu omabini esilivere, wawanika umnyibilikisi, wenza ngawo umfanekiso oqingqiweyo nomtyhido; waba sendlwini kaMika.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayibuyisela kunina imali; Unina wathabatha amakhulu amabini eeshekele zesilivere, wawanika umyili, wenza ngazo umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo; yaye yayisendlwini kaMika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Imali leyo wayibuyisela kunina ke, yena wathatha amakhulu amabini kuloo siliva, wawanika ingcibi, eyakrola umfanekiso otyatyekwe ngesiliva, yenza nomnye otyhidiweyo. Wabekwa endlwini kaMika.