Judges 18:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngalomihla bekungeko ukumkani kwa‐Sirayeli. Kekaloku ngalomihla isizwe sama‐Dane sazifunela ilifa lokuhlala; ngokuba kwada kwangumhla lowo belingawanga kuso pakati kwezizwe zo‐Sirayeli ilifa elisaneleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mihla kube kungekho kumkani kwaSirayeli. Ngaloo mihla isizwe sakwaDan besizifunela ilifa lendawo yokuhlala;ngokuba kwada kwanguloo mhla, sibe sona singabelwanga lifa ngeqashiso, phakathi kwesizwe sakwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha kube kungekho kumkani kwaSirayeli. Ngelo xesha abantu besizwe sakwaDan babefuna ilifa lokwakha; ngenxa yokuba kwada kwayiloo mini babengekalifumani lonke ilifa labo phakathi kwezizwe zakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo thuba ke uSirayeli wayengenakumkani. Ke yona indlu kaDan yayisazifunela umhlaba owawuza kuba lilifa layo, kuba ukuza kuthi ga ngoku yayingekafumani mhlaba ungowayo njengezinye izindlu zikaSirayeli.