Judges 18:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa nihambayo, niya kuza ebantwini abasekunqabeni, naselizweni elibanzi kakulu: ngokuba utixo elinikele esandleni senu: indawo apo kungeko kona ukusweleka kwenye into esemhlabeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa nithe nafika, nofika kubantu abonwabileyo, kwilizwe eliphangaleleyo ngamacala omabini; ngokuba uThixo ulinikele ezandleni zenu, indawo apho kungasweleke nanye into esehlabathini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba nithe nahamba, nofika ezweni elikhuselekileyo, ezweni elibanzi ngeenxa zombini; indawo apho kungekho nto emhlabeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nakufika khona niya kufumanisa ukuba abantu bakhona bazihlalele nje, abanaxhala lanto. Ewe, ilizwe elo lithe gabalala; mayela neentswelo zomntu kukwanto zilungile, ibe ke uThixo ulinikele kuni.”