Judges 18:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula ateta lomadoda mahlanu abehambile ukuhlola ilizwe lase‐Layishe, ati kubo abazalwana bawo: Niyazi na ukuba kuko ezindlwini ezi iyefodi, neterafi, nomfanekiso oqingqiweyo, nomfanekiso otyityishiweyo; ngako yazini kaloku, niya kwenza nto nina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku aphendula amadoda amahlanu, abeze kulihlola ilizwe laseLayishe, athi kubazalwana bawo, Niyazi na ukuba kwezi zindlu kukho iefodi, nemilonde-khaya, nomfanekiso oqingqiweyo, nomtyhido? Ke ngoko kuqondeni eniza kukwenza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aphendula ke amadoda amahlanu, abeze kulihlola ilizwe laseLayishe, athi kubazalwana bawo, Niyazi na ukuba kwezi zindlu kukho umfanekiso oqingqiweyo noqingqiweyo? ngoku ke yigqale into omelwe kukuyenza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ezaa ntlola zintlanu zaziye kuhlola elo lizwe zada zaya kufika eLayishe, zathi kumawazo: “Ngaba benisazi na ukuba kwenye yezi zindlu kukho umfanekiso oqingqwe ngomthi watyatyekwa ngesiliva? Kukwakho nomnye umfanekiso otyhidiweyo, kunye *nemilonde-khaya, ndawonye *nesidanga. Niyayazi ke into emayenziwe!”