Judges 18:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa lomadoda mahlanu abehambile ukuhlola ilizwe enyuka, angena kona, atabata umfanekiso oqingqiweyo, neyefodi, neterafi, nomfanekiso otyityishiweyo: waye umperisite wema emnyango wesango kunye nalomadoda angamakulu matandatu abinqiweyo ngezixo̔bo zokulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Anyuka la madoda mahlanu abeye kulihlola ilizwe, aya khona, awuthabatha umfanekiso oqingqiweyo, ne-efodi, nemilonde-khaya, nomtyhido; waye umbingeleli lowo emi ekungeneni kwesango namadoda angamakhulu amathandathu axhobe iimpahla zemfazwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amadoda amahlanu awayeye kuhlola ilizwe, enyuka angena apho, awuthabatha umfanekiso oqingqiweyo nesambatho esisemagxeni noothixo bendlu nomfanekiso oqingqiweyo; umbingeleli wema ekungeneni kwesango namadoda angamakhulu amathandathu axhobe iimpahla zemfazwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezo ntlola zathi ngqo endlwini, zafika zathatha loo mfanekiso uqingqiweyo, nalowo utyhidiweyo, kunye nemilonde-khaya ndawonye nesidanga, ngeli lixa yena umbingeleli wayesesesangweni nomkhosi lowo.