Judges 18:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo la madoda angena endlwini ka‐Mika, atabata umfanekiso oqingqiweyo, neyefodi, neterafi, nomfanekiso otyityitshiweyo. Wandula umperisite wati kuwo: Nenza nto nina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akuba lawa engene endlwini kaMika, ewuthabathile umfanekiso oqingqiweyo, iefodi, nemilonde-khaya, nomtyhido, uthe umbingeleli kuwo, Nenzani?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko bangena endlwini kaMika baza bathabatha umfanekiso oqingqiweyo ne-efodi noothixo bendlu nomfanekiso oqingqiweyo. Wathi umbingeleli kubo, Nenza ntoni na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
La madoda ke athi akungena endlwini kaMika athatha imifanekiso leyo ndawonye nesidanga. Ke umbingeleli lowo wawabuza wathi: “Nenza ntoni?”