Judges 18:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako usapo luka‐Dane lwasusa kwisizalwane salo amadoda amahlanu emideni yalo, amadoda angamaṙoti, e‐Tsoreha nase‐Shetawoli, ukuya kuhlola ilizwe, nokulipengulula, lwati kuwo: Hambani, nipengulule ilizwe. Ada afika entabeni yakwa‐Frayime, endlwini ka‐Mika, alalisa kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bakaDan besusa kumlibo wakowabo amadoda amahlanu, evela kwinani lawo lonke, amadoda anobukroti aseTsora nase-Eshtawoli, ukuba alihlole ilizwe, aligocagoce. Bathi kuwo, Hambani niligocagoce ilizwe. Afika kweleentaba lakwaEfrayim endlwini kaMika, alala khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaDan bathumela amadoda amahlanu emizalwaneni yawo endaweni yawo, amadoda angamakroti aseTsora nase-Eshtawoli ukuba aye kuhlola ilizwe nokulihlola; athi kuwo, Hambani ninyuke emhlabeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke amaDan akhetha amagorha amahlanu awaziwayo, amela isizwe sawo siphela. Awakhupha eZora nase-Eshtawoli, awayala athi: “Hlolani ilizwe elo.” Athi akufika kweleentaba lakwaEfrayim, alalisa kwaMika.