Judges 18:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yacwayita intliziyo yalomperisite; watabata iyefodi, neterafi, nomfanekiso oqingqiweyo, wangena pakati kwabantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yachwayitha intliziyo yombingeleli, wayithabatha iefodi, nemilonde-khaya, nomfanekiso oqingqiweyo, weza phakathi kwabantu abo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaba nemihlali intliziyo yombingeleli, wayithabatha iefodi noothixo bendlu nomfanekiso oqingqiweyo waza wangena phakathi kwabantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Eli cebo lamkholisa umbingeleli lowo, waza ke wasithatha isidanga nemifanekiso ikunye nalowo uqingqiweyo, wahamba namaDan lawo.