Judges 18:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kungeko umsindisi, ngokuba besikude ne‐Tsidone, bebengenamsebenzi n abanye abantu kanjako; sasisemhlanjeni ongase‐Bete‐rehobi. Lwaza lwaka isixeko, lwahlala kuso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bekungekho mhlanguli, ngokuba bekude nowaseTsidon, bengatheni nabani, besentilini esingise eBhete-rehobhi. Bakha umzi, bahlala khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bekungekho msindisi, ngokuba bekukude eTsidon, kungekho kuzala; yaye isentilini ekufuphi neBhete-hobhe. Kwaye bakha isixeko baza bahlala kuso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zange kubekho mhlanguli, kuba kaloku iLayishe le yayimgama eSidon, ibe ke nabemi bayo babengenamnqophiso nesinye isizwe. Ke iLayishe le yayimelene neBhete-rehobhi. AmaDan ke aphinda ayivusa loo dolophu, ema kuyo.