Judges 18:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwandula usapo luka‐Dane lwazipakamisela umfanekiso lowo oqingqiweyo; no‐Jonatane, unyana ka‐Gereshome, unyana ka‐Manase, yena nonyana bake baba ngabaperisite kwisizwe sama‐Dane kwada kwangumhla wokutinjwa kwelizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baza oonyana bakaDan bazimisela umfanekiso oqingqiweyo lowo; uYonatan unyana kaGershom, unyana kaManase, yena noonyana bakhe baba ngababingeleli esizweni sakwaDan, kwada kwayimini yokuthinjwa kwelizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaDan bazimisela umfanekiso oqingqiweyo, yaye uYonatan unyana kaGershom, unyana kaManase, yena noonyana bakhe baba ngababingeleli besizwe sakwaDan de kwangumhla wokuthinjwa kwelo lizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaDan amisa umfanekiso oqingqiweyo wawo, aza amisela uJonatan, unyana kaGershom umzukulwana kaMosis, wangumbingeleli wesizwe. Nenzala yakhe ke yaba ngababingeleli besizwe sakwaDan, de elo zwe lathinjwa.