Judges 18:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ayesiti: Sukani, sinyukele ngakubo; ngokuba sibonile elozwe, kekaloku bona ke, lilungile kunene: nina kanti niti tu nje! ninganqeni ukuhamba, ningene, nibambe elozwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi, Sukani, sinyuke siye kubo; ngokuba silibonile ilizwe;nalo lilihle kunene, ke nithe quthu. Musani ukunqena ukuhamba, niye kulihlutha ilizwe elo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi, Vukani, sibaxabele; kuba silibonile ihlabathi, kwaye qaphelani, lilunge kakhulu; kanti uselapho? ungalibazisi ukuya kwaye ungene ukuze ulidle ilifa ilizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke wona aphendula athi: “Yizani, mawethu, masiye kuyihlasela iLayishe. Siwubonile laa mhlaba; mhle kakhulu. Ngoko ke sanukuba salibazisa; masithathe khona siye, siwohluthe laa mhlaba!