Judges 19:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWABEKUTE ngalomihla, nxa bekungeko ukumkani kwa‐Sirayeli, kwaye kuko indoda engum‐Levi ihlala njengowasemzini emacaleni entaba yakwa‐Frayime, eyazeka umfazi olishweshwe e‐Beteleheme‐juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngaloo mihla, kungekho kumkani kwaSirayeli, kwabakho indoda engumLevi ephambukele emathambekeni akwaEfrayim, yazeka umfazi olishweshwe eBhetelehem yakwaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha, kungekho kumkani kwaSirayeli, bekukho umLevi owayehlala kweleentaba lakwaEfrayim, wazeka umfazi eBhetelehem yakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngethuba eliphambi kokuba uSirayeli abe nokumkani kwakukho mLevi uthile owayehlala kude kweleentaba kwaEfrayim. Lo mfo wathatha intombi yaseBhetelehem kwelakwaJuda, wahlalisana nayo.