Judges 19:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bapambukela kona, ukuba bangene balalise e‐Gibeha: yati yakungena, yahlala pantsi esitarateni sesixeko; ngokuba bekungeko umntu owabamkela endlwini yake, kulaliswe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baphambukela apho, baya kulala eGibheha; yafika yahlala endaweni yokubutha kwamadoda omzi; akwabakho mntu ubamkelela endlwini yakhe, ukuba balale.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baphambukela khona, baya eGibheha, balalisa khona; wangena, wamhlalisa ezitratweni zomzi; kuba bekungekho namnye ubamkelayo ukuba baye kulala endlwini yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baphambuka ke endleleni, besiya kulala khona. Bangena ke, baya kutsho ebaleni lembutho, kungekho mntu ubanika indawo yokulala.