Judges 19:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bona ke, yafika indoda endala ivela emsebenzini wayo entsimini ngokuhlwa, ebiyindoda yasentabeni yakwa‐Frayime nayo, ebihlala njengowasemzini e‐Gibeha; kodwa amadoda alomzi ebengama‐Benjamine.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi thu indoda enkulu ivela emsebenzini wayo emasimini, ngokuhlwa; iyindoda yelasezintabeni lakwaEfrayim, ingumphambukeli eGibheha. Ke amadoda aloo mzi abengamaBhenjamin.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku indoda enkulu yeza ivela emsebenzini wayo ngokuhlwa, ivela emasimini, yeza ivela kweleentaba lakwaEfrayim; wayishiya iGibheya njengomphambukeli, kodwa amadoda aloo ndawo ayephuma kwisizwe sakwaBhenjamin.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathe beselapho kwathi gqi ixhego, livela emasimini. Lalingumngeneleli apho eGibheya, kodwa inkaba yalo ikweleentaba kwaEfrayim. Phofu ke abantu balapho yayingamaBhenjamin.