Judges 19:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yayisiti kuyo: Siyadlula tina sivela e‐Beteleheme‐juda ukuya emacaleni entaba yakwa‐Frayime, endivela kona; kendahambela e‐Beteleheme‐juda; kodwa ngoku ndihambela kuyo indlu kayehova; kanti akuko mntu ondamkelayo endlwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi kuyo, Siyagqitha, sivela eBhetelehem yakwaYuda; siya emathambekeni akwaEfrayim; endingowakhona. Ndibe ndihambele eBhetelehem yakwaYuda, ngoku ndihambela endlwini kaYehova.Akukho bani ke undamkelela endlwini yakhe apha;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi kuyo, Siyahamba, sivela eBhetelehem yakwaYuda; siya emathambekeni akwaEfrayim; Ndemka khona, ndaya eBhetelehem yakwaYuda; ngoku ke ndihambela endlwini kaYehova; kwaye akukho bani undamkelayo endlwini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UmLevi uphendule wathi: “Siphuma eBhetelehem kwelakwaJuda. Ukwenjenje oku siyagoduka, siya kummandla othe qelele kweleentaba kwaEfrayim. Kambe ke akukho mntu usinika ndawo yakulala.