Judges 19:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nza babecwayitisa intliziyo zabo, bona ke, amadoda esosixeko, amadoda alusapo lwobunginingini, aṙaula londlu, aqongqota elucangweni, atsho kuyo indoda endala, inkosi yalondlu, ukuti: Yipumise londoda ebingenile endlwini yako, ukuze siyazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bakubon ukuba bayazichwayithisa iintliziyo zabo, nango amadoda aloo mzi, amadoda angamatshijolo, eyirhawula indlu leyo, emana enkqonkqoza elucangweni; atsho kwindoda enkulu engumninindlu ukuthi, Yikhuphe indoda engene endlwini yakho, siyazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, bakuba benemihlali ezintliziyweni zabo, nango amadoda aloo mzi, oonyana bakaBheliyali, engena endlwini, ankqonkqoza elucangweni, athetha kumninindlu, ixhego, esithi, Zisa usindiso indoda engene endlwini yakho, ukuze simazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi besonwabile apho, kwafika iindlavini ezithile, zayirhawula indlu leyo, zabetha ucango, zabhekisa kumnini-ndlu lowo zisithi: “Mkhuphe loo mfo umngenise endlwini yakho. Sifuna ukulala naye.”