Judges 19:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza londoda, inkosi yalondlu, yapumela kuwo, yati kuwo: Hai, bazalwana bam! keningenzi ngokukohlakeleyo; emveni kwokuba lendoda ingenile endlwini yam, ningenzi lento ehlazekileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yaphuma indoda engumninindlu, yaya kuwo, yathi kuwo, Hayi, bazalwana bam, hayi, musani ukukha nenze into embi. Emveni kokuba le ndoda ingene endlwini yam, musani ukwenza obu budenge.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaphuma indoda engumninindlu, yaya kubo, yathi kubo, Hayi, bazalwana bam, musani ukukha nenze into embi enjengale; nibone ukuba le ndoda ingene endlwini yam, musani ukwenza obu budenge.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke umninimzi waphuma, wathetha nazo, wathi: “Hayi, mawethu, ndiyanibongoza, sanukulenza elo nyala; lundwendwe lwam olu!