Judges 19:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa amadoda lawo ebengavumi ukupulapula kuyo: yasuka indoda yabamba ishweshwe layo, yalikupela kuwo pandle; aza alazi, alona bonke ubusuku kwada kwasa, aliyeka ekupumeni kwesifingo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akavuma loo madoda ukumphulaphula. Yalibamba indoda ishweshwe layo, yalikhuphela phandle kuwo; alazi, afeketha ngalo bonke ubusuku kwada kwasa; alindulula ngesifingo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akavuma loo madoda ukumphulaphula. Indoda leyo yathabatha isithende sayo, yasizisa kuwo; kwaye bamazi baza bamtshabhisa ubusuku bonke kwada kwasa; lwathi lwakufika, bamkhulula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke azivumanga ezo zibhoja. Ngoko ke umLevi lowo wakhupha loo masihlalisane wakhe, zaza ke zadlalisa ngaye zazenzela apho kuye kwada kwasa.