Judges 19:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula weza umfazi lowo kwakuza kusa, wawa pantsi emnyango wendlu yalondoda, apo inkosi yake ibikona, kwada kwakanya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yafika inkazana leyo xa kusayo, yawa emnyango wendlu yendoda apho yayikhona inkosi yayo, kwada kwamhlophe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafika umfazi lowo kusasa, waziphosa phantsi phambi komnyango wendlu yendoda, umniniyo, kwada kwasa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ekuseni umfazi lowo wabuya, wafika wawa ngasemnyango kuloo ndlu yexhego apho yayikhona indoda yakhe. Walala apho kwada kwasa.