Judges 19:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yayisiti kuye: Suka, sihambe. Kodwa bekungeko opendulayo. Yaza yamtabata, yambeka pezu kweqwaṙashe; yaselisuka londoda yahambela endaweni yayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi kuyo, Vuka sihambe; ayaphendula. Yayithabatha yayibeka phezu kwe-esile; yesuka loo ndoda, yasinga endaweni yayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuye, Yima, sihambe; Kodwa akukho namnye waphendulayo. Yamkhwelisa e-esileni, yesuka indoda leyo, yagoduka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yathetha naye, yathi: “Vuka sihambe!” Kwathi cwaka. Yaza ke yamthatha, yamxhoma edonkini, yagoduka naye.