Judges 19:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati yakufika endlwini yayo, yatabata isitshetshe, yabamba ishweshwe layo, yalihlahla kunye namatambo alo libe ziziqendu ezilishumi linezibini, yalituma kuyo yonke imida yakwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yafika endlwini yayo, yathabatha isitshetshe, yalibamba ishweshwe layo, yalityatya ngokwamathambo alo laziinyama ezilishumi elinambini, yalithumela kuyo yonke imida yakwaSirayeli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi akungena endlwini yakhe, wathabatha isitshetshe, wasibamba isithende sakhe, wasicanda saziziqwenga ezilishumi elinazibini, wasithumela kulo lonke ilizwe lakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UmLevi lowo ke uthe akufika ekhaya wathatha imela. Umzimba waloo mfazi ke wawunqunqa waziziqwenga ezilishumi elinambini, waza ke isiqwenga ngasinye wasithumela kwenye yezindlu zikaSirayeli.