Judges 19:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula yesuka indoda yalo, yaliputuma, ize itete entliziyweni yalo, ilibuyise, inomfana wayo kunye nayo, nesibini samaqwaṙashe: laza layingenisa endlwini yoyise walo: wati uyise wenkazana akuyibona, wavuya ukuhlangana nayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yesuka indoda yalo yaliphuthuma, ukuba ithethe kakuhle nalo ilibuyise, inomfana namaesile amabini. Layingenisa endlwini yoyise walo. Wayibona uyise wentombazana leyo, wakuvuyela ukuhlangana nayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yesuka indoda yalo yalilandela, ukuba ithethe kakuhle nalo, yalibuyisa nekhoboka lalo, namanye amaesile; wayingenisa endlwini kayise, wayibona uyise wentombazana, wakuvuyela ukuyihlangabeza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lo mLevi ke wayilanda ngezicengo, khon' ukuze babuyelane. Wayehamba nesicaka sakhe kunye needonki ezimbini. Le ntombi ke yamazisa kowayo umLevi lowo, waza ke uyise akumbona wamamkela ngezishushu.