Judges 19:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, bonke ababebona, bati: Akungabangako, akungabonwanga kanjako, okunjalo, kwa semhleni wokunyuka kwosapo luka‐Sirayeli ezweni le‐Jipete, kwada kwanamhla nje; kubekeleni intliziyo zenu, nikani icebo, nitete!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze bonke ababona oko bathi, Okunje akuzanga kubekho;akuzanga kubonwe kususela kumhla abanyuka ngawo oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa, unanamhla; kubekeleni iintliziyo zenu oku, nicebe, nithethe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi bonke abayibonayo, Akuzanga kwenziwe nto inje, akuzanga kubonwe oku, kususela ekunyukeni koonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa, unanamhla; nikela ingqalelo, thabatha icebiso kwaye uthethe ingqondo yakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wonke ke umntu owayibonayo le nto wavakala esithi: “Zange siyive siyibone into enje! Into enje zange ihle okoko uSirayeli waphumayo eJiputa! Mayiqwalaselwe, kubonwe into emayenziwe!”