Judges 19:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza usomfazi wayo, uyise wenkazana, wayibambezela; yandula yahlala naye imihla yamitatu: badla, basela, balalisa kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayigcina uyise womfazi, uyise wentombazana leyo; yahlala naye imihla yamithathu, badla, basela, balala khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uyise womkakhe, uyise wentombi, wayeyigcinele yona; wahlala naye iintsuku zantathu; badla, basela, balala khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uyise wentombi leyo wamnyanzelisa ukuba akhe ahlale umLevi lowo, waza ke wahlala iintsuku zantathu, besitya besela kunye.