Judges 19:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ngomhla wesine, bakuvuka kusasa, yaselisuka ukuba ihambe; koko wati uyise wenkazana kumyeni wake: Xasa intliziyo yako ngomtamo wesonka, niti kamva nihambe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngomhla wesine, bavuka kusasa; yesuka yona ukuba imke. Wathi uyise wentombazana kumyeni wayo, Khawuxhase intliziyo yakho ngeqhekeza lesonka, nandule ukuhamba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngomhla wesine, bavuka kusasa, ukuba ahambe; wathi uyise wentombi kumyeni wakhe, Yithuthuzele intliziyo yakho ngeqhekeza lesonka, ungashiyi emva.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngentsasa yosuku lwesine bavuka sebelungele ukuhamba. Ke uyise wentombi wathetha nomkwenyana, wathi: “Qala utye, uhlaziyeke, uze ke uhambe kamva.”