Judges 19:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati yakusuka kusasa ngomhla wesihlanu ukuba ihambe, wandula uyise wenkazana wati: Zuxase ke intliziyo yako. Baza bazilazila kwada kwakukumka kwemini, badla bobabini ndawonye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yavuka kusasa ngomhla wesihlanu ukuba ihambe. Wathi uyise wentombazana, Khawuxhase intliziyo yakho, nizilazile ide ijike imini; badla ke bobabini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yavuka kusasa ngomhla wesihlanu ukuba ihambe; Wathi uyise wentombazana, Yithuthuzele intliziyo yakho; Bahlala ke kwada kwasemini enkulu, badla bobabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngentsasa yosuku lwesihlanu umLevi wavuka ezimisele ukuhamba, kodwa usontombi wathi: “Khawutye, ulinde kude kube semini noko.” Wahlala ke, batya bobabini.