Judges 19:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula yesuka indoda ukuba ihambe, yona, neshweshwe layo, nomfana wayo; koko usomfazi wayo, uyise wenkazana, wati kuyo: Bona ke, imini iza kufa, kuza kuhlwa nje, kaulalise; bona ke, imini selisangana, lalisa apa, iti intliziyo yako icwayite; nize nivuke kusasa ngomso ukuya ngendlela yenu, uhambele ententeni yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yesuka indoda ukuba imke, yona neshweshwe layo nomfana wakuyo. Wathi kuyo uyise womkayo, uyise wentombazana, Khawukhangele, imini iyemka, kuyahlwa; khanilale; yabona, imini isangene; lala apha, ichwayithe intliziyo yakho, nivuke kusasa ngomso, nihambe ngendlela yenu, uye ententeni yakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yavuka indoda leyo, ukuba ihambe, yona inomkhonzi wayo, nomkhonzi wayo, uyisezala, uyise wentombi yayo, yathi kuyo: “Yabona, le mini iyeza, lala; ilanga liyakhula kude kube sekupheleni, hlala apha, ukuze intliziyo yakho ivuye; ndihambe ngomso ndigoduke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ke umLevi nentombi leyo ngokunjalo nesicaka sebezimisele ukunduluka, uyise wabanqanda, esithi: “Amathunzi anabile, nokuhlwa sekusondele; masenilala. Hlalani nizonwabise, nize ninduluke kusasa ngomso ukugoduka.”